Eyemfuduko 25 XHO96

Iminikelo yesibingelelo

1 *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:

2 “Xelela amaSirayeli ukuba bonke abaziva beqhutywa yintliziyo mabakhuphe umnikelo, bawuzise kum.

3 Lo mnikelo ke mawube kwezi ndidi: igolide, isiliva, ubhedu,

4 nelaphu elizuba, nelimsobo, nelibomvu, nelaphu elicikizekileyo, neloboya bebhokhwe,

5 nofele olubomvu lwenkunzi yegusha, nofele olusukiweyo, nomngampunzi,

6 neoyile yesibane, nobulawu bokuqhola, ioyile yesiqhumiso,

7 namatye ekarneli, namanye amatye okuhombisa *isidanga sombingeleli omkhulu ngokunjalo nesikhuselo-sifuba sakhe.

8 Mabandakhele indawo eyeyam ndodwa, ukuze nam ndihlale phakathi kwabo.

9 Ke yona nempahla engaphakathi mayakhiwe ibe matwa nomzekelo endokubonisa wona.

Ityesi yomnqophiso

10 “Thatha umngampunzi, wenze ityesi ngawo. Mayibe ziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude bayo, ibe ngamashumi mathandathu nantandathu ububanzi, ngokunjalo nokuphakama.

11 Yityabeke ngegolide ngaphandle nangaphakathi, futhi uyiphethe kwangegolide jikelele.

12 Thatha igolide wenze amakhonkco abe mane, uwanxibelele emanqineni etyesi abe mabini cala-nye.

13 Yenza imiqobo ngomngampunzi, uyityabeke ngegolide;

14 yona ke yongena kuloo makhonkco, iphathwe ngazo ityesi.

15 Mayingakhutshwa, koko mayihlale ngolo hlobo lonke ixesha.

16 Ngaphakathi ke faka amacwecwe abubungqina bomnqophiso endiza kukunika wona.

17 “Kwakhona ke thatha igolide, wenze isivalo sibe ziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, ububanzi zibe ngamashumi amathandathu anesithandathu.

18 Thatha igolide ubumbe imifanekiso *yezithunywa ezimaphiko ibe mibini; yenze ibe nto-nye nesivalo eso,

19-20 imiswe ngapha nangapha phezu kwaso, ijongene; athi ke loo maphiko athe naa asigubungele isivalo eso.

21 Faka loo macwecwe mabini abubungqina bomnqophiso, uvale.

22 Kulapho ndiya kuhlangana nawe ke, apho phezu kwesivalo setyesi yomnqophiso, phakathi kwemifanekiso yezithunywa ezimaphiko, ndikunike yonke imiyalelo yamaSirayeli.”

Itafile

23 “Thatha umngampunzi, wenze itafile ngawo. Mayibe ngamashumi asibhozo anesibhozo eesentimitha ubude; ibe ngamashumi mane anane ububanzi, kanti ke ukuphakama ibe ngamashumi amathandathu anesithandathu.

24 Yityabeke ngegolide, futhi uyiphethe kwangayo jikelele.

25 Mayijikelezwe lungqameko olububanzi bungangesandla, oluphethwe ngegolide jikelele.

26 Yenza amakhonkco egolide abe mane, abe sezikoneni phezu kwemilenze.

27 Amakhonkco okubamba imiqobo yokuthwala itafile makasondele kungqameko.

28 Yenza imiqobo leyo ngomngampunzi, uyityabeke ngegolide.

29 Yenza iipleyiti, iikomityi, iindebe, nezitya zokusetyenziswa xa kusenziwa idini lewayini. Kambe ke zonke ezi zinto mazenziwe ngegolide.

30 Kule tafile makusoloko kukho isonka esinikelwa kuThixo.”

Isibane

31 “Thatha igolide engangxengwanga, wenze isibane ngayo. Amazantsi kunye nesiqu sesibane masibunjwe ngegolide. Izihombiso ezifana neentyatyambo, nemidumba, namagqabi eentyatyambo, mazibe nto-nye nesibane.

32 Kwalapho kuso isiqu sesibane nxibelela amasebe aso abe mathandathu, oko kukuthi abe mathathu ngapha nangapha.

33 La masebe mathandathu makahonjiswe ngomhombiso ofana neentyatyambo zealmondi, ibe nemidumba namagqabi eentyatyambo.

34 Sona isiqu saso naso masihonjiswe ngomhombiso ofana neentyatyambo zealmondi enemidumbu namagqabi eentyatyambo.

35 Onke amasebe ngambini makasekelwe ngumdumba.

36 Imidumba namasebe makabe nto-nye nesiqu sesibane esenziwe ngegolide engangxengwanga.

37 Kwesi siqu sesibane ke kofakwa izibane ezisixhenxe ngohlobo lokuba ziphose ilitha ngaphambili.

38 Umcephe wokucima isibane nezithetyana zaso mazenziwe ngegolide.

39 Iyonke igolide yokwenza esi sibane nobuxhaka-xhaka baso mayibe ngamashumi amathathu nantlanu eekhilogram ubunzima.

40 Xa iyonke le nto uzuyenze ngokomzekelo endakubonisa wona entabeni.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40