Eyemfuduko 31 XHO96

Amagcisa okwakha isibingelelo

1 *UNdikhoyo waxelela uMosis wathi:

2 “Uyabona ke, uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, ndimnyule.

3 Ndimzalise ngoMoya wam, ndamthi jize ngokuqonda, ubuchule, nabo bonke ubugcisa;

4 ukucwangcisa nokuyila esebenza ngegolide, isiliva, nobhedu;

5 ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa.

6 Kanti ke noHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki wendlu kaDan, ndimtyumbile ukuba ancedisane noBhezaleli. Naye ke ngokunjalo bonke ubuchule nobugcisa ndimphile, khon' ukuze babe nako ukuyenza yonke into endiyalela ukuba yenziwe:

7 *isibingelelo, ityesi yomnqophiso nesivalo sayo, nezixhobo nako konke okuhamba nesibingelelo;

8 itafile namasolotya ayo, isibane esenziwe ngegolide yoqobo nokwaso, iqonga lesiqhumiso,

9 iqonga lamadini atshiswayo nezixhobo zalo, isitya sokuhlambela nesiseko saso;

10 ezo zivatho zingayiwayo zobubingeleli zika-Aron noonyana bakhe, abaya kuzisebenzisa xa befezekisa umsebenzi endibanike wona;

11 amafutha okuthambisa, neso siqhumiso sivumba limnandi segumbi elingcwele. Zonke ke ezi zinto mabazenze matwa nendlela endikuyalele ngayo.”

UMhla wokuPhumla

12 *UNdikhoyo wathi uMosis

13 makayalele amaSirayeli athi: “Wuhloneleni *uMhla wokuPhumla, uyimini yam; ewe, ungumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana ngezizukulwana, uxela ukuba mna Ndikhoyo ndanenza naba ngabam ncakasana.

14 Ngoko ke wuhloneleni uMhla wokuPhumla, kuba kuni ungumhla owodwa. Umntu ongawuhloneliyo, koko osebenzayo ngawo, makabulawe.

15 Kaloku zikho iintsuku ezintandathu ukuba nenze wonke umsebenzi wenu, kodwa ke wona umhla wesixhenxe ngumhla onendili wokuphumla olibango lam. Nabani na ke owenza umsebenzi wakhe ngawo makabulawe.

16 AmaSirayeli makaluhlonele olu suku, lube ngumqondiso ngokomnqophiso kwizizukulwana ngezizukulwana.

17 Lona lungumqondiso ongasoze ujike phakathi kwam namaSirayeli. Kaloku mna Ndikhoyo ndênza izulu nehlabathi liphela ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe.”

18 Akukhov' ukuthetha uThixo noMosis entabeni yeSinayi, wamnikezela amacwecwe amatye amabini, apho uThixo ngenkqu wayeyibhale khona imimiselo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40