Eyemfuduko 21 XHO96

Ukuphathwa kwamakhoboka

1 “Nantsi ke imimiselo oya kuyinika amaSirayeli:

2 Umntu othe wathenga ikhoboka elingumHebhere liya kumkhonza iminyaka ibe mithandathu, lize ngowesixhenxe likhululwe lingahlawulelwanga nto.

3 Ukuba langena ebukhobokeni lilisoka, liya kumka lilodwa. Kanti ke ukuba langena ebukhobokeni linomfazi, liya kukhululeka kunye naye.

4 Xa lifike lingenamfazi, yaza inkosi yalo yalinika umfazi, waza wazala abantwana, abo bantwana nalo mfazi ngabenkosi yalo; xa likhululekayo liya kubashiya apho.

5 Kodwa ke xa lithe ngokuphandle: ‘Hayi, ndiyakholwa yinkosi yam, ndiyamthanda nomkam, ngokunjalo nabantwana bam, ngoko ke ndikhetha ukungakhululeki,’

6 inkosi yalo ke iya kulithatha ilise *esibingelelweni phambi kukaThixo; apho ke iya kulayamisa elucangweni okanye emgubasini, ize iligqobhoze indlebe ngenyatyhoba. Yakuba ilenjenjalo ke, liya kuba ngumkhonzi wayo bonke ubomi balo.

7 “Xa umntu ethengise intombi yakhe yalikhoboka, yona ayinakukhululeka okwekhoboka eliyindoda.

8 Ukuba indoda leyo ibiyithengile ukuba ibe ngumfazi wayo, ize ithi kamva inganeliseki yiyo, kufuneka ivumele abantu bakowayo ukuba bayikhulule ngokuyithenga. Akuvumelekanga ukuba isuke iyithengise kwabasemzini; kaloku izaphule izigqibo.

9 Ukuba iyithengele unyana wayo, mayiyiphathe njengentombi yayo.

10 Xa indoda ithatha umfazi wesibini, mayingayeki ukumondla nokumnxiba nokumenza umfazi lo wokuqala.

11 Ukuba ayiwafezi la malungelo mayimkhulule angahlawulelwa.”

Imithetho ngobundlobongela

12 “Umntu obethe omnye wamenzakalisa wafa, makabulawe.

13 Kodwa ke ukuba umbulele ngengozi, makabalekele endaweni endiyimisele abasabi.

14 Kambe ke yena umntu obulele omnye ngolunya, nokuba angade abalekele eqongeni lamadini, makasuswe apho abulawe.

15 “Umntu ohlasela uyise nokuba ngunina, makabulawe.

16 “Umntu oqweqwedisa omnye aze amthengise okanye abanjwe esenaye, makabulawe.

17 “Umntu othuka uyise nokuba ngunina, makabulawe.

18 “Ukuba amadoda amabini axabene, yaza enye yabetha ngelitye okanye ngenqindi yayenzakalisa leyo ibisilwa nayo, kwaza kwafuneka ukuba khe ilale ngandletyana-nye,

19 ukuba ibuye yakwazi ukuhamba-hamba isimelela, mayingohlwaywa le yenzakalisileyo, nto nje mayihlawule eli xesha liyilahlekeleyo ngokulala igula, futhi iyinyange ide iphile.

20 “Ukuba umntu ulibethe ngentonga ikhoboka lakhe eliyindoda noba libhinqile, laza lafa ngoko nangoko, makohlwaywe.

21 Kambe ke ukuba ikhoboka elo life emva kosuku okanye iintsuku ezimbini, akayi kohlwaywa. Kaloku ikhoboka belilelakhe.

22 “Xa ababini bethe besilwa baya kuphoseka kumfazi okhulelweyo, waza ngenxa yaloo nto akenzakala kodwa sona isisu saphuma, lo usisizekabani sale ntlekele uya kudliwa ngokubona kwendoda yaloo mfazi, yakuba icetyiswe ngabalamli.

23 Kodwa ke ukuba umfazi lowo uthe wenzakala, ubomi mabubuyekezwe ngobomi,

24 iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo,

25 umlilo ngomlilo, uduma ngoduma, umvumbo ngomvumbo.

26 “Xa umntu elibethe walityhaphaza ikhoboka lakhe, liyindoda okanye libhinqile, makalikhulule ukuhlawula elo liso.

27 Kanti ke nokuba ulibethe kwapoq' izinyo wolikhulula ukuhlawula elo zinyo.”

Uxanduva lwabafuyi

28 “Xa inkunzi yenkomo yomntu othile ithe yahlaba umntu wafa, mayixulutywe ngamatye ide ife, inyama yayo ingàtyiwa. Ke yena umnini wayo akanatyala.

29 Kambe ke ukuba inkomo leyo ibiqhelile ukuhlaba abantu, abe nomniniyo eyaliwe, kodwa akayigcina, yaza yahlaba umntu yambulala, mayixulutywe ngamatye ife, ngokunjalo nomniniyo abulawe.

30 Phofu ke ukuba kubonakala ukuba umniniyo lowo makamiselwe umdliwo ukusindisa ubomi bakhe, kofuneka akhuphe loo nto ibizwayo njengoko injalo.

31 Nokuba inkomo leyo ihlabe yabulala inkwenkwe okanye intombazana, logwetywa kwangaloo ndlela elo tyala.

32 Xa ke inkomo leyo ihlabe yabulala ikhoboka eliyindoda okanye elibhinqileyo, umniniyo wokhupha intlawulo yeesiliva ezingamashumi amathathu, ke yona inkomo leyo ixulutywe.

33 “Ukuba umntu ushiye umngxuma uvulekile, okanye umbe umngxuma akawugquma, kwaza kweyela inkomo noba yidonki kuwo, ummbi-mngxuma lowo

34 makayihlawule loo nto yeyeleyo, kodwa ke lona ixhoba elo loba lelakhe.

35 “Ukuba ke iinkuzi zeenkomo zabantu ababini zenzakalisene, yaza enye yazo yafa, aba babini mabathengise le iphilayo, ize ixabiso layo bahlulelane ngalo, ngokukwanjalo bahlulelane ngayo nale ifileyo.

36 Xa le nkomo ibulele enye ibe iqhelile ukwenza lo mkhwa, kodwa akayigcina umniniyo, makavuse le ifileyo ngephilayo; ke yona le ifileyo yoba yeyakhe.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40