Eyemfuduko 6 XHO96

1 Wathi ke uNdikhoyo kuMosis: “Uza kuyibona ke ngoku into endiza kuyenza kukumkani waseJiputa. Ngamandla am ndomnyanzela abakhulule aba bantu; enyanisweni ndiza kumenza abagxothe ngokwakhe emhlabeni wakhe.”

UThixo ubhekisa kuMosis

2 UThixo wathetha noMosis wathi: “*NdinguNdikhoyo.

3 Ndabonakala kuAbraham nakuIsake nakuYakobi njengoThixo uSomandla, kodwa ke andizange ndizazise kubo ngegama lam uNdikhoyo.

4 Ngaphezu koko ndênza umnqophiso nabo, ndathi ndobanika ilizwe laseKanana, apho boma khona baxhwarhe okwabahambi.

5 Ngoku ke ndisivile isingqala samaSirayeli ngenxa yokukhotyozwa ngamaJiputa, ndaye ke ndiwukhumbule loo mnqophiso.

6 Ngoko ke yithi kumaSirayeli: ‘NdinguNdikhoyo, ndaye ke ndiza kunikhupha kwingcinezelo yamaJiputa, ndinikhulule kwiimbophelelo zawo. Ndiya kunihlangula ngesandla esigadalala nangezigwebo ezingqongqo.

7 Ndiya kunenza abantu bam, mna ndibe nguThixo wenu. Nani ke niya kuqonda ukuba mna Ndikhoyo ndinguThixo wenu onikhulule ebukhobokeni eJiputa.

8 Ndiya kunikhokela, ndinise kwilizwe endafungayo ukuba ndolinika uAbraham, uIsake, noYakobi. Ndiya kunipha lona, libe lelenu; kaloku mna ndinguNdikhoyo.’ ”

9 La mazwi uMosis wawaxela kumaSirayeli, kodwa ngenxa yokudakumba nangenxa yenkohlakalo yasebukhobokeni akamphulaphulanga.

10 Wathi ke uNdikhoyo kuMosis:

11 “Hamba uye kukumkani waseJiputa, uthi ndithi kuye makawakhulule amaSirayeli, aphume emhlabeni wakhe.”

12 UMosis waphendula wathi: “Njengokuba engandiphulaphuli nje amaSirayeli, uya kundiphulaphula njani ke ukumkani? Ibe ke andililo naciko.”

13 Naxa kunjalo uNdikhoyo wathetha nabo ooMosis noAron, wabathumela kumaSirayeli nakukumkani, esithi amaSirayeli makakhutshwe aphume eJiputa.

Izindlu zakwaRubhen nakwaSimon nakwaLevi

14 Nazi iintloko zezindlu. Oonyana bakaRubhen amazibulo kaSirayeli, nguHanoki, noPalu, noHezeron, noKarmi. Ezo ke zizindlu zakwaRubhen.

15 Oonyana bakaSimon nguJemuweli, noJamin, no-Ohadi, noJakin, noZoware, kunye noShawule unyana womKananakazi. Ezi ke zizindlu zakwaSimon.

16 Oonyana bakaLevi ngokuzana kwabo nguGershon, noKohati, noMerari. ULevi ke wahlala iminyaka elikhulu elinamashumi amathathu anesixhenxe.

17 Naba oonyana bakaGershon ngokwezindlu zabo: nguLibheni noShimeyi.

18 Oonyana bakaKohati nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli. Ke yena uKohati wahlala iminyaka elikhulu elinamashumi amathathu anantathu.

19 Oonyana bakaMerari nguMalin Mushi. Ezi ke zizindlu zakwaLevi ngokokuzana kwazo.

20 UAmram wathatha udade boyise uJokobhedi, owamzalela uAron noMosis. UAmram wahlala iminyaka elikhulu elinamashumi amathathu anesixhenxe.

21 Oonyana bakaIzare nguKora, noNifege, noZikri.

22 Oonyana bakaUziyeli nguMishayeli, noElifazan, noSitri.

23 UAron wathatha uElishebha intombi ka-Aminadabhi, udade boNashon, owazala uNadabhi, noAbhihu, noElazare.

24 Oonyana bakaKora nguAsire, noElikana, noAbhiyasafu. Ezo ke zizindlu zakwaKora.

25 UElazare unyana ka-Aron wathatha enye yeentombi zikaPutiyeli eyazala uFineyasi. Ezi ke ziintloko zezindlu zakwaLevi.

26 Ngulaa Aron ke lo wathi benoMosis bathunywa nguNdikhoyo wathi: “Hambani niyokukhupha amaSirayeli eJiputa.”

27 Ngabo abâthetha nokumkani waseJiputa ngokukhululwa kwamaSirayli eJiputa, lo Mosis nalo Aron.

28 Mhlenikwezeni uNdikhoyo wathetha noMosis kwelaseJiputa,

29 wathi kuye: “NdinguNdikhoyo; ukumkani waseJiputa mxelele yonke into endiyithetha kuwe.”

30 Kambe ke uMosis wathi: “Uyandazi ukuba andilociko lokuthetha; angandiphulaphula njani ukumkani?”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40