Eyemfuduko 8 XHO96

1 *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Yiya kukumkani, uthi ndithi kuye: ‘Khulula abantu bam baye kundinqula.

2 Ukuba uyala ukubakhulula, ilizwe lakho ndiya kulihlasela ngesibetho samasele.

3 Umlambo iNayile uya kuphuphuma ngamasele; oda aye kufika nakwakho. Aya kutaka-taka endlwini yakho yokulala, emandlalweni, ezindlwini zamaphakathi, nasezindlwini zabo bonke abantu bakho. Amasele aya kugxalathelana kumaziko okubhaka, nakwizitya zokuxovela;

4 aya kuxhumela kuwe, kubantu bakho, nakumaphakathi akho.’ ”

5 UNdikhoyo wayalela uMosis wathi makathi kuAron: “Yolula isandla sakho, uwalekuze ngenduku leyo amanzi emilambo, aweentlambo, nawamaqula, khon' ukuze kunyakazele amasele kulo lonke elaseJiputa.”

6 Ngenene ke uAron wawalekuza amanzi aseJiputa ngenduku yakhe, kwaza kwavela amasele, anyakazela kulo lonke.

7 Ngemilingo yawo amaqili aseJiputa âkwazi nawo ukuyenza loo nto yayisenziwa nguAron, aza anyakazela amasele kwelaseJiputa.

8 Ke ukumkani wabiza uMosis noAron, wathi kubo: “Khanimbongoze uNdikhoyo awasuse la masele kum nakubantu bam, ukuze mna ndibakhulule abantu bakowenu, baye kubingelela kuNdikhoyo.”

9 UMosis waphendula wathi: “Loo nto ndingayenza ngovuyo, nto nje wena misa ixesha ofuna ndikuthandazele ngalo wena namaphakathi akho nabo bonke abantu bakho, ukuze nahlukane namasele, asale emlanjeni iNayile kuphela.”

10 Ukumkani ke waphendula wathi: “Makaphele ngomso.”Wathi ke uMosis: “Kuya kuba njengokuba uthetha, khon' ukuze uqonde ukuba akakho onjengoNdikhoyo uThixo wethu.

11 Amasele aya kumka kuwe nasezindlwini zakho, kumaphakathi nakubantu bakho, asale emlanjeni iNayile kuphela.”

12 UMosis noAron bamshiya ke ukumkani. UMosis wambongoza uNdikhoyo ngokubhekisele kumasele awayenyakazela kwakumkani.

13 Naye uNdikhoyo wenza ngokwesicelo sikaMosis; aza ke amasele afa ezindlwini, ezinkundleni, nasemasimini.

14 Aqokelelwa ke, aba ziinqumba; yeka ke iphunga!

15 Njengoko wayetshilo uNdikhoyo, ukumkani uthe akubona ukuba kukho isiqabu, waqal' emva ukuqaqadeka, akavuma ukubaphulaphula ooMosis noAron.

Iimbuzane

16 *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Yitsho kuAron avuse uthuli ngenduku yakhe, ukuze kuvele iimbuzane kulo lonke elaseJiputa.”

17 UAron ke waphakamisa induku yakhe, wabetha ngayo emhlabeni, kwaza kwavela iimbuzane, zabahlasela abantu kunye nezilwanyana. Kulo lonke elaseJiputa kwaphithizela iimbuzane.

18 Athe ke amaqili aseJiputa, akuzama ukwenza kwaloo nto, suka azavela iimbuzane. Kambe ke zaphithizela iimbuzane kulo lonke, zahlasela umntu kwakunye nesilwanyana.

19 Ke wona amaqili angqina athi kukumkani: “Ngumnwe kaThixo lo.” Kambe ke, njengoko uNdikhoyo wayetshilo, yena ukumkani wankaniza, akaphulaphula.

Iimpukane

20 Waphinda *uNdikhoyo wathi kuMosis: “Vuka kusasa ngomso, uhlangabeze ukumkani xa aya emlanjeni, uthethe naye uthi: ‘UNdikhoyo uthi: “Khulula abantu bam, baye kundikhonza;

21 okanye xa ungayenzi loo nto, ndiya kukuthumela ngamabubu eempukane, zikuhlasele wena namaphakathi akho, nabantu bakho. Ziya kuzalisa ezindlwini zakho, nakwezabantu bakho, nakuwo wonke umhlaba waseJiputa.

22 Kodwa ke eGoshen, apho kukho abantu bam, aziyi kubakho, khon' ukuze uqonde ukuba mna Ndikhoyo ndikho apha kweli lizwe.

23 Ndiya kubakhetha abantu bam kubantu bakho ngokubakhusela. Loo mqondiso ke úya kuzibonela ngokwakho kusasa kusile.” ’ ”

24 Ngenene ke uNdikhoyo wathumela amabubu eempukane komkhulu nakwimizi yamaphakathi. Lonke elaseJiputa laba semngciphekweni wentshabalalo ngenxa yeempukane.

25 Ukumkani wababiza ooMosis noAron, wathi kubo: “Hambani niye kubingelela kuThixo wenu, kodwa ningaphumi kweli lizwe.”

26 UMosis waphendula wathi: “Ayinakulunga loo nto. Kaloku isilwanyana esiza kwenza ngaso idini likaNdikhoyo uThixo wethu, silisikizi kumaJiputa. Ngoko ke singathi, siyenzile loo nto phambi kwamaJiputa, asixulube ngamatye, sife.

27 Kufuneka sithathe uhambo lweentsuku ezintathu, siye entlango, simenzele khona idini uNdikhoyo uThixo wethu ngokomlomo wakhe.”

28 Ukumkani waqhuba wathi: “Ndiyanikhulula nihambe niye kubingelela kuNdikhoyo uThixo wenu entlango, kodwa ke ze ningayi kude kakhulu. Ndithandazele ke!”

29 UMosis wathi: “Ndakuba ndimkile ke ndiya kumbongoza uNdikhoyo. Wona ke amabubu eempukane aya kumka aphele ngomso, angabi sakuhlupha wena namaphakathi akho, ngokunjalo nabantu bakho. Kambe ke, wena kumkani, ungaphindi usiqhathe ubalele abantu ukuya kubingelela kuNdikhoyo.”

30 Ephumile ke uMosis kwakumkani, watarhuzisa kuNdikhoyo,

31 waza wazisusa iimpukane ezo kukumkani, kumaphakathi, nasebantwini bakhe, akwasala nale inye.

32 Nakwesi isihlandlo ukumkani waphinda waqaqadeka, wankaniza, akawakhulula amaSirayeli.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40