Eyemfuduko 34 XHO96

Ukuhlaziywa komnqophiso

1 *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Qingqa amanye amacwecwe amatye amabini afana nalawa okuqala, ukuze mna ndiwabhale kuwo amazwi awayebhalwe kulawa wawaphulayo.

2 Ngomso kusasa uze unyuke intaba iSinayi, apho uya kundibona nam khona.

3 Makungabikho mntu uhamba nawe okanye usondelayo nakuliphi na icala lentaba; nditsho kwaiigusha neenkomo mazingasondeli entabeni.”

4 UMosis ke wawaqingqa amacwecwe amabini amatye, waza ngengomso kusasa wenyuka nawo entabeni iSinayi ngokokutsho kukaNdikhoyo, ewaphethe ngezandla.

5 Ke kaloku uNdikhoyo wehla ngelifu, waza wema noMosis apho entabeni, walikhankanya igama lakhe – uNdikhoyo.

6 Waza ke wadlula phambi kwakhe, wandula wathi: “UNdikhoyo nguThixo onemfesane nesisa, oza kade umsindo, ophuphuma izibele nokunyaniseka.

7 Ukunyaniseka kwakhe akujiki nakwizizukulwana ngezizukulwana; abakhohlakeleyo nabanxaxhayo nabonayo uyabaxolela. Kambe ke abanetyala ubohlwaya ade ohlwaye nesizukulwana sabo, aye kufikelela kwesesithathu nakwesesine ngenxa yeziphoso zooyise.”

8 UMosis wasuka wee guqaqa wakhahlela;

9 wambongoza wathi: “Ukuba ngenene ukholisekile ndim, Mhlekazi, sikhaphe. Nakuba siluhlanga oluneenkani nje, buxolele ubugwenxa nesono sethu, samkele sibe lilifa lakho.”

10 UNdikhoyo wathi kuMosis: “Ngoku ke ndenza umnqophiso nani. Ndiya kwenza imimangaliso engazange yenziwe ehlabathini liphela, ngokunjalo nakwizizwe zalo. Kaloku mna Ndikhoyo ndiza kwenza into erhwaqelisayo phakathi kwenu.

11 Yithobeleni imithetho endininika yona namhlanje. Xa ningenayo ndiya kuwagxotha ama-Amori, amaKanana, amaHiti, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.

12 Ningakhe nilinge nenze izivumelwano naba bantu ningena emhlabeni wabo, kuba ngokwenjenjalo ningazifaka esigwini.

13 Ndaweni yaloo nto wadilizeni amaqonga abo amadini, niyifohloze imifanekiso yabo; ke sona *isithixo sabo uAshera ze nisityoboze.

14 “Ningaze ninqule thixo wumbi, kuba mna Ndikhoyo ndinguSobukhwele; ndinguThixo onekhwele.

15 Sanukwenza zivumelwano nabantu belo lizwe; kuba hleze bathi, xa benqula besenzela izithixo zabo amadini amanyumnyezi, banimeme nani, nilukuhleke, nitye loo madini azo.

16 Nani ningasuka nibathathele oonyana benu abafazi kwezo ntombi zabo, zithi ke ngaloo ndlela zibahende banqule izithixo.

17 “Ningaze niziqingqele izithixo.

18 “Ningaze niyeke ukwenza itheko lesonka sentlama engenagwele. Yenzani njengoko ndaniyalelayo, nitye isonka esinganyuswanga iintsuku zibe sixhenxe kwinyanga ka-Abhibhi. Kaloku leyo yinyanga enaphuma ngayo eJiputa.

19 “Unyana wamazibulo ngokunjalo neduna lemfuyo lamazibulo lelam.

20 “Ke lona iduna lamazibulo ledonki nolihlawulela ngedini letakane. Kungenjalo ke niya kulaphula ilungu lentamo. Wonke unyana wamazibulo makahlawulelwe.“Akukho mntu makeze kum engaphathanga mnikelo.

21 “Iintsuku ezintandathu evekini zezokwenza wonke umsebenzi wenu. Kodwa ke ngosuku lwesixhenxe ze niphumle; nditsho nkqu nangamaxesha okulima nokuvuna.

22 “Xa nivuna ingqolowa yenzani itheko lolibo; kanti ke ningalityesheli netheko lesivuno ngexesha lokuvuna iziqhamo.

23 “Onke amadoda makeze kunqula mna Ndikhoyo Thixo kaSirayeli kathathu ngonyaka.

24 Ndiya kuzigxotha izizwe phambi kwenu, itsho inabe imida yenu, kungabikho namntu uya kuzama ukulihlutha elo lizwe kuni xa nisiya kundinqula mna Ndikhoyo Thixo wenu ngazo zozithathu ezi zihlandlo enyakeni.

25 “Xa nindenzela idini ze ningasisebenzisi isonka sentlama enegwele. Ngexesha letheko *lePasika inyama yedini ize ingabekwa mbeko.

26 “Minyaka le zisani ulibo lwesivuno endlwini kaNdikhoyo.“Ningaze nilipheke ngobisi lukanina itakane lebhokhwe.”

27 UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Wabhale la mazwi. Kaloku umnqophiso wam nani uxhomekeke kuwo.”

28 Ke kaloku uMosis wahlala apho iintsuku ezingamashumi amane engatyi engaseli. Amazwi omnqophiso wawabhala apho emacwecweni, oko kukuthi imithetho elishumi.

Ukubuya kukaMosis eSinayi

29 Ukubuya kwakhe entabeni uMosis ephethe loo mithetho ilishumi, ubuso bakhe babukhazimla, kuba ethethe *noNdikhoyo; kambe ke yena wayengayiqondi loo nto.

30 UAron namaSirayeli onke babubona ukuba ubuso bakhe buyakhazimla, batsho boyika ukusondela kuye.

31 Kodwa uMosis wababiza, waza uAron nazo zonke iinkokheli zamaSirayeli beza kuye, waza wathetha nabo.

32 Kamva ke onke amaSirayeli aqokelelana kuMosis, waza ke wawaxelela yonke imiyalelo ayinikwe nguNdikhoyo entabeni iSinayi.

33 Wathi ke akugqiba ukuthetha nabo uMosis, wabufaka isigqubuthelo ubuso bakhe.

34 Wayesithi xa eza kuthetha noNdikhoyo asisuse isigqubuthelo. Ekubuyeni kwakhe ke wayewaxelela konke akuyalelwe nguNdikhoyo amaSirayeli.

35 Wona ke ayebubona ukuba ubuso bakhe buyakhazimla. Kambe ke wayeye afake isigqubuthelo, ade aphinde kwakhona aye kuthetha noNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40