Eyemfuduko 40 XHO96

Ukumiselwa nokuvulwa kwesibingelelo

1 *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi:

2 “Ngomhla wokuqala ngenyanga yokuqala uze umise *isibingelelo.

3 Uya kuthatha ityesi enobungqina bomnqophiso, uyifake esibingelelweni, uyivalele ngomkhusane.

4 Uze ungenise itafile, ngokunjalo nezinto ezibekwa phezu kwayo, uyimise ngohlobo lwayo. Phezu kwayo uze ubeke nesibane nobuxhaka-xhaka baso.

5 Ngoku ke faka iqonga lesiqhumiso, eliya lenziwe ngegolide, phambi kwetyesi yomnqophiso; uze ufake umkhusane wesango lesibingelelo.

6 Apho ke phambi komnyango wesibingelelo misa iqonga lamadini.

7 Faka isitya sokuhlambela phakathi kweqonga lamadini nesango lesibingelelo, usigalele amanzi.

8 Ngoku ke twabulula uthango lwenkundla jikelele, ufake umkhusane esangweni.

9 “Wakukhov' ukwenjenjalo ke, uya kuthatha amafutha, umisele isibingelelo ngokusithambisa ngawo xa sisonke ndawonye neempahla zaso. Wakuba uyenzile ke loo nto, siya kuba yindawo eyodwa ekhethekileyo.

10 Kamva ke uya kuthambisa iqonga lamadini ndawonye nezixhobo zalo. Nalo ke liya kutsho libe yindawo ekhethekileyo.

11 Kwangokunjalo ke uze uthambise nesitya sokuhlambela nesiseko saso.

12 “Kwakhona ke uya kubiza uAron noonyana bakhe, beze esangweni lesibingelelo, ubahlambe ngamanzi.

13 Ngoku ke uAron makavathe ezobubingeleli, umthambise ummisele abe ngumbingeleli.

14 Noonyana bakhe bathi wambu ngeyabo iminweba.

15 Kwanjengoyise nabo bathambise, ubamisele ebubingelelini. Ewe, ngokubathambisa uya kuba ubamisela ukuba babe ngababingeleli bona nazo zonke izizukulwana zabo.”

16 Ke kaloku yonke le nto uMosis wayenza kanye ngokomyalelo lowo kaNdikhoyo.

17 Ngoko ke kwathi ngomhla wokuqala, kwinyanga yokuqala, ngonyaka wesibini bemkayo eJiputa, samiselwa isibingelelo.

18 Ukumisa kukaMosis isibingelelo wenjenje: wazimisa iziseko eendaweni zazo, wazimisa izakhelo zaso, wafaka imiqadi, wamisa neentsika.

19 Wasuka ke wayitwabulula intente yesibingelelo, wayambathisa nangesigqubuthelo sayo kanye ngokomlomo kaNdikhoyo.

20 Ngoko ke wathatha amacwecwe amabini anobungqina bomnqophiso, wawafaka kwityesi yomnqophiso. Wathatha nemiqobo, wayifaka kuloo makhonkco etyesi, waza wayivala ngesivalo sayo.

21 Emva koko wathatha ityesi yomnqophiso leyo, wayingenisa esibingelelweni, wavala ngomkhusane. Ngale ndlela ke wayivalela ityesi yomnqophiso ngokwelizwi likaNdikhoyo.

22 Ke kaloku wathatha itafile, wayingenisa esibingelelweni, wayibeka kwicala langasentla nganeno komkhusane,

23 waza wathatha isonka esinikelwe kuNdikhoyo, wasibeka phezu kwayo ngokomyalelo.

24 Wathatha nesibane, wangena naso, wasibeka kwicala langasezantsi, sajongana netafile.

25 Zimi njalo phambi koNdikhoyo wazilumeka izibane ngokomyalelo kaNdikhoyo.

26 Wangenisa iqonga legolide ngaphakathi, walibeka phambi komkhusane,

27 watshisa eso siqhumiso sivumba limnandi ngokwelizwi likaNdikhoyo.

28 Waxhoma umkhusane esangweni lesibingelelo,

29 waza wemisa iqonga lamadini apho ngasesangweni. Belisenziwa apho ke idini elitshiswayo kunye nedini leenkozo ngokomlomo kaNdikhoyo.

30 Wabeka isitya sokuhlambela phakathi kweqonga lamadini nentente yesibingelelo, waza wasizalisa ngamanzi.

31 UMosis, uAron, noonyana bakhe, babehlamba izandla neenyawo zabo apho kuloo manzi,

32 ngalo lonke ixesha bengena esibingelelweni okanye besiya kwiqonga lamadini, ngokwelizwi likaNdikhoyo.

33 Ke kaloku uMosis wabiyela inkundla yangqonga isibingelelo neqonga lamadini, waza walivala ngomkhusane isango layo. Waba ke ngoko uwufezile umsebenzi.

Ilifu eliphezu kwesibingelelo

34 Kwesi sithuba ke lasuka ilifu lasigubungela *isibingelelo, saza isibingelelo sathi qhakra bubuqaqawuli *bukaNdikhoyo.

35 Ngenxa yale meko uMosis akabanga saba nako ukungena esibingelelweni.

36 Kolu hambo lwawo ke amaSirayeli ayesithi apho lisuke khona ilifu esibingelelweni athabathise eluhambeni kwakhona.

37 Kanti ke ayelinda anganduluki xa lisafukamile ilifu elo.

38 Kaloku kolu hambo lwawo amaSirayeli ayesoloko elibona ilifu elalatha ubukho bukaNdikhoyo likhakhaba apho esibingelelweni xa kusemini, lisuke ke ebusuku lithi qhakra umlilo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40