Eyemfuduko 16 XHO96

Imana kunye nezagwityi

1 Ke kaloku amaSirayeli anduluka e-Elim, aza athi ngenyanga yesibini kusuku lweshumi elinesihlanu andulukayo eJiputa, agaleleka kwintlango iSin. Yona ke iphakathi kwe-Elim neSinayi.

2 Kanye ke apho kuloo ntlango amaSirayeli abakhalazela ooMosis noAron,

3 athi kubo: “Akwaba *uNdikhoyo wayesibulalele eJiputa. Kaloku noko khona sasisitya inyama; kanti ke nokunye ukutya sasikutya side sikushiye. Kuba kucacile nisizise kule ntlango ukuze eli bandla xa lilonke nilichane ngendlala life.”

4 UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Uyabona ke ndiza kuthoba ukutya kune njengemvula, ukuze nonke nitye. AmaSirayeli makaphume aye kuzicholela ukutya okulingene imini mihla le. Ndizimisele ukukhe ndiwavavanye ndiwaqonde ukuba azimisele na ukuwuthobela umyalelo wam.

5 Kodwa ke ngomhla wesithandathu makaqokelele azilungiselele ukutya kwemihla emibini.”

6 Ngoko ke uMosis noAron bathetha nawo amaSirayeli, bathi: “Ngokuhlwanje niza kuqonda ukuba nguNdikhoyo owanikhupha eJiputa,

7 kuba ngomso kusasa niya kukubona ukuqaqamba kobukho bukaNdikhoyo. Kaloku yena uzivile izikhalazo zenu; gxebe besingoobani ukuba ningade nisikhalazele thina?”

8 UMosis waqhuba wathi: “UNdikhoyo uza kunipha inyama, nitye ngokuhlwa, kanti nakusasa uza kunipha isonka, nitye nihluthe, kuba uzivile izikrokro zenu enimkhalazela ngazo. Kakade ke besingoobani thina? Hayi bo! Anikrokreli thina, nikrokrela uNdikhoyo!”

9 UMosis wayalela uAron ukuba axelele amaSirayeli aphume aye kubonana noNdikhoyo njengoko ezivile izikhalazo zawo.

10 Esathetha nje uAron, athe amaSirayeli akukhangela ngasentlango abubona ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bubengezela efini.

11 Wathi ke uNdikhoyo kuMosis:

12 “Xelela amaSirayeli ukuba ndizivile izikhalazo zawo; ngoko ke ngokuhlwa ndiya kuwanika inyama atye, ndize ngentsasa elandelayo ndiwaphe intaphane yesonka, khon' ukuze andiqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wawo.”

13 Kwathi ke ngongcwalazi kwagaleleka igquba lwezagwityi, lwathi khakhalala kuyo yonke loo ndawo ayemise kuyo amaSirayeli. Kanti ke ngengomso kwasa kulele umbethe.

14 Kuthe ke wakuvuthuluka umbethe lowo kwasala uqweqwe olungathi yiqabaka, lwawambathisa umhlaba.

15 AmaSirayeli athe akuyibona le nto angayaziyo, abuzana athi: “Yintoni le?”UMosis ke wathi kuwo: “Oku kukutya enikuphiwa nguNdikhoyo.

16 Uthe umntu ngamnye kuni makathathe kangangesisu sakhe. Lowo uthathela umzi wonke wolinganisela ukuba umntu ngamnye afumane iilitha ezimbini.”

17 Ke kaloku amaSirayeli enza ngokomyalelo lowo, abanye bathatha kakhulu, baza bambi bathatha kancinci.

18 Kodwa ke athe akukufaka emlinganisweni ukutya oko afumanisa ukuba othathe kakhulu akagqithisanga, kanti ke nothathe kancinci akalambathi. Umntu ngamnye wathatha ngokwentswelo yakhe.

19 UMosis wayalela ukuba kungabikho mntu ushiya mbeko.

20 Kambe ke abanye abamphulaphulanga bakubeka. Ngengomso ke kwasa kubolile kuneempethu, waza ke uMosis wakhathazeka.

21 Ngazo zonke iintsasa babethatha kangangezisu zabo. Kwakusithi ke lakuba shushu ilanga kunyibilike kuphele oko kutya kwabo.

22 Ngomhla wesithandathu ke ukutya bakuthatha ngokuphindwe kabini, umntu ngamnye waneelitha ezine. Ke iinkokheli le nto zayixela kuMosis

23 owathi yena kuzo: “UNdikhoyo usiyale wathi ngomso ngumhla owodwa wokuphumla, lusuku oluphawulelwe yena. Ngoko ke bhakani namhlanje xa nifuna, futhi nipheke kwanamhlanje, okuseleyo ke nikugcinele ingomso.”

24 Okuseleyo ke bakugcinela ingomso ngokokutsho kukaMosis. Kona ke zange konakale.

25 UMosis ke wathi kubo: “Yityani namhlanje, kuba olu lusuku lokuphumla oluphawulelwe uNdikhoyo; ngalo aniyi kukufumana ukutya phandle phaya.

26 Oku kutya ningakuqokelela iintsuku zibe ntandathu, kodwa ke ngolwesixhenxe *nguMhla wokuPhumla; ngawo ke akukho.”

27 Kambe ke nangoMhla wokuPhumla bambi abantu baphuma baya kufuna ukutya, nto nje abakufumananga.

28 UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Koda kube nini ningandithobeli, bantundini?

29 Kaloku ndaninika uMhla wokuPhumla; kungenxa yaloo nto ke ndininika ukutya kweentsuku ezimbini nje ngomhla owandulela owokuphumla. NgoMhla wokuPhumla wonke umntu makangenzi nto, angaphumi ekhaya.”

30 Ngenene ke abantu baphumla ngoMhla wokuPhumla.

31 Oku kutya ke amaSirayeli akuthiya igama athi yimana. Yona ke yayifana nembewu yekoriyanda imhlophe, emlonyeni ingathi ngamaqebengwana enziwe ngobusi.

32 UMosis wabaxelela umyalelo kaNdikhoyo, wathi: “UNdikhoyo uthe: ‘Thathani iilitha zibe mbini zemana, nizigcinele izizukulwana ezizayo, ukuze nazo zikubone ukutya endanondla ngako entlango ukunikhupha kwam eJiputa.’ ”

33 UMosis wayalela uAron wathi makathathe iilitha zibe mbini zemana, azifake engqayini, azibeke *esibingelelweni phambi koNdikhoyo, ibe nokubonwa nazizizukulwana ezizayo.

34 Ngokomyalelo kaNdikhoyo ke uAron wayithatha, wayibeka kwityesi yomnqophiso, ukuze igcinakale.

35 Ke kaloku yaba yiminyaka emashumi mane amaSirayeli esitya imana leyo, ada afika eKanana, apho ema khona.

36 (Umlinganiselo ovunyiweyo ke waloo maxesha wawuyiefa, engangamashumi amabini eelitha. Isishumi sayo yayiyioma, engangeelitha ezimbini.)

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40