Eyemfuduko 35 XHO96

Imithetho mayela noMhla wokuPhumla

1 UMosis waliqokelela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi: “Nantsi imiyalelo *kaNdikhoyo:

2 iintsuku zokusebenza imisebenzi yenu zintandathu evekini, kodwa lona usuku lwesixhenxe ngumhla owodwa okhethekileyo; ngumhla kaNdikhoyo, umhla wokuphumla. Nabani na ke owenza nawuphi na umsebenzi ngawo wobulawa.

3 Ngawo akunakubaswa nomlilo lo emizini yenu.”

Iminikelo yesibingelelo

4 UMosis waliyalela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi: “*UNdikhoyo uthi

5 wonke umntu oziva elangazelela ukunikela kuye makathathe kwinto anayo: igolide, isiliva, ubhedu,

6 nelaphu elihle, elizuba, elimsobo, nelibomvu, nelaphu loboya bebhokhwe,

7 nofele lwenkunzi yegusha olubomvu, nesikhumba esisukiweyo; nomngampunzi,

8 neoyile yezibane, nobulawu bokuqhola ioyile nokuqhola isiqhumiso sitsho sibe nevumba elimnandi;

9 amatye ekarneli namanye amatye exabiso okuhombisa *isidanga nesikhuselo-sifuba sombingeleli omkhulu.”

Izinto zokwakha isibingelelo

10 Waqhuba uMosis wathi: “Onke amagcisa omsebenzi wezandla akhoyo phakathi kwenu makeze azokwenza *isibingelelo nezinto ayalele ukuba zenziwe *uNdikhoyo:

11 intente kunye nesigqubuthelo sayo, amahaki, uphahla lwentente, izakhelo, imiqadi, kunye neziseko;

12 ityesi yomnqophiso, inemiqobo yokuyiphatha, nesivalo, kunye nomkhusane;

13 itafile, inemiqobo namasolotya ayo, kunye nesonka esingumnikelo kuThixo;

14 isibane nobuxhaka-xhaka baso, neoyile;

15 iqonga lesiqhumiso nemiqobo yokuliphatha, amafutha okuthambisa, isiqhumiso esivumba limnandi, umkhusane wesango lesibingelelo;

16 iqonga lamadini linxityelelwe isisefu esenziwe ngobhedu, imiqobo yalo nako konke okwalo; isitya sokuhlambela nesiseko saso;

17 umkhusane wenkundla neentsika neziseko zayo; umkhusane wesango lenkundla;

18 izikhonkwane neentsontela zomphakathi ngokunjalo nenkundla;

19 kunye nezo zivatho zingayiwayo zinxitywa ngababingeleli xa bebusa kwigumbi elingcwele, ngokunjalo nezivatho ezizodwa zika-Aron kunye noonyana bakhe.”

Abantu bezisa iminikelo

20 Ke kaloku lonke ibandla lamaSirayeli lamshiya uMosis,

21 waza uwonke-wonke kulo owayeziva elangazelela ukunikela *kuNdikhoyo khon' ukuze kwakhiwe *isibingelelo, weza ephethe umnikelo. Beza nayo yonke into eyayiyimfuneko kwezonqulo nasekwenzeni izivatho zababingeleli.

22 Amadoda nabafazi ababeziva belangazelela ukunikela beza nezipeliti zokuhombisa, amacici, imisesane, amaso, nazo zonke iintlobo-ntlobo zobunewu-newu begolide, bazenza umnikelo owodwa kuNdikhoyo.

23 Bezisa amalaphu amahle, azuba, amsobo, nabomvu; ilaphu loboya bebhokhwe, ufele olubomvu lwenkunzi yegusha, nesikhumba esisukiweyo.

24 Kanti ke nabathanda ukunikela ngesiliva okanye ubhedu benjenjalo. Abanye banikela ngomngampunzi, khon' ukuze usetyenziswe nakuwuphi na umsebenzi.

25 Onke amakhosikazi angamagcisa okusonta ezisa amalaphu amahle nemisonto ezuba, emsobo, nebomvu, awayeyisontile.

26 Benza umsonto ngoboya bebhokhwe.

27 Iinkokheli zona zeza namatye ekarneli namanye amatye okuhombisa *isidanga nesikhuselo-sifuba,

28 iziqholo neoyile yesibane, neziqholo zeoyile, neziqhumiso ezivumba limnandi.

29 Onke amaSirayeli awayeziva enolangazelelo ezisa iminikelo kuNdikhoyo, khon' ukuze kufezekiswe umsebenzi owawuyalelwe uMosis.

Iingcibi zokwakha isibingelelo

30 UMosis wathi kumaSirayeli: “Niyabona, *uNdikhoyo unyule uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda.

31 Umzalisile ngoMoya wakhe, wamthi jize ngobugcisa nobuchule nengqiqo ephangaleleyo,

32 ukuze akwazi ukucwangcisa nokuyila nokusebenza ngegolide, isiliva, nobhedu,

33 ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa.

34 Yena enoHoliyabhi unyana ka-Ahisamaki wendlu kaDan ubaphile ubuchule bokufundisa abanye ubugcisa.

35 Ubaphe ubuchule beendidi zonke kumsebenzi wabakroli nabayili, nomsebenzi wokusonta amalaphu azuba, amsobo, nabomvu, nazo zonke iindidi zamalaphu. Ewe, bangamachule angawo kuyo yonke imisebenzi yobugcisa nokuyila.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40