Eyemfuduko 4 XHO96

UThixo uthwesa uMosis amandla

1 UMosis waphendula wathi: “Ndiya kuthini ke ukuba abakholwa yile nto ndiyithethayo? Xa besithi: ‘Hayi, *uNdikhoyo khange abonakale kuwe.’ ”

2 UNdikhoyo wabuza wathi: “Yintoni na le isesandleni sakho?”UMosis waphendula wathi: “Yintonga.”

3 Waza ke uNdikhoyo wathi: “Yiphose phantsi.”Eyiphosile ke uMosis, yajika yaba yinyoka. UMosis wee jaju phaya,

4 uNdikhoyo wathi: “Yibambe ngomsila.” Ngenene ke wayibamba, yaza yajika yayintonga kwakhona.

5 Ke uNdikhoyo wathi: “Uya kwenjenjalo ke ukuze amaSirayeli aqonde ukuba ubonene noNdikhoyo uThixo wookhokho bawo: uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.”

6 Waphinda wathetha naye uNdikhoyo wathi: “Qhusheka isandla sakho ngaphantsi kwesambatho sakho.” Wasifaka ke, wabuya wasikhupha, suka saphuma simhlophe qhwa liqhenqa.

7 Waza wathi uNdikhoyo kuye: “Phinda usiqhusheke.” Akuba ephindile, wabuya wasikhupha, sabuya siphilile sifana nenxalenye yomzimba wakhe.

8 Waqhuba wathi uNdikhoyo kuye: “Ukuba abakholwanga ngumqondiso wokuqala, noko baya kwanela ngulo wesibini.

9 Xa ke benganeliseki yile miqondiso mibini, bengafuni nokukuphulaphula, uze ukhe amanzi emlanjeni iNayile, uwagalele emhlabeni; uya kubona ke aya kujika abe ligazi.”

10 Kambe ke uMosis waphendula uNdikhoyo wathi: “Hayi, Mhlekazi, kaloku andizange ndibe liciko ekuthetheni; ibe ke nangoku okoko wathethayo nam, andikwazi ukuthetha; ndilithintitha.”

11 UNdikhoyo ke wathi kuye: “Kanti ngubani owenza umntu akwazi ukuthetha; ingubani omenza angakwazi, okanye abe sisithulu? Ngubani omenza abone, okanye abe yimfama? Asindim na, mna Ndikhoyo?

12 Hayi bo! Hamba, kaloku ndiya kukunceda ukwazi ukuthetha, ndiya kukufundisa oko ufanele ukukuthetha.”

13 UMosis uphinde wathi: “Hayi, Mhlekazi, ndiyakubongoza, thuma mntu wumbi.”

14 Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wacaphuka nguMosis, wathi: “Andithi kanene unomkhuluwa onguAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha; nangoku nanko esiza kukuhlangabeza; futhi uya kuvuya gqitha akukubona.

15 Wena ke uya kubhekisa kuye, abe ngumlomo wakho. Mna ndiya kuninceda nobabini ekuthetheni, ndinazise emanikwenze.

16 Ke yena uya kuba ngumlomo wakho ebantwini, wena ke ube nguthixo kuye, athethe egameni lakho.

17 Kambe ke sukuyishiya le ntonga; kaloku uya kuyenza ngayo imimangaliso.”

UMosis uphindela eJiputa

18 Ke kaloku uMosis wagoduka waya kwaJetro uyise womkakhe, wafika wathi: “Ndikhulule ndiye eJiputa kumawethu, khon' ukuze ndive impilo yawo.”Wathi uJetro: “Hamba. Ndlela-ntle!”

19 *UNdikhoyo ke wathetha noMosis kwalapho eMidiyan, wathi: “Hamba uphindele eJiputa, kuba abantu ababezungula ubomi bakho abasekho.”

20 UMosis ke wakhwelisa umkakhe nabantwana edonkini, waphindela kwelaseJiputa, ephethe intonga awayeyiyalezwe nguThixo.

21 UNdikhoyo wamyaleza uMosis, wathi: “Wakufika eJiputa uzuyenze phambi kokumkani yonke imimangaliso endikunike amandla okuyenza. Kodwa ke ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo yakhe, angavumi ukuwakhulula amaSirayeli.”

22 Waqhuba wathi: “Uze uthi apho kukumkani: ‘UNdikhoyo uthi: USirayeli ngunyana wam wamazibulo;

23 ngoko ke mkhulule aye kundikhonza; kuba ukuba ngaba uyala, ndiya kubulala unyana wakho wamazibulo. ’ ”

24 Kwathi apho babelalise khona uNdikhoyo wamvunukela uMosis, efuna ukumbulala,

25-26 koko wesuka uZipora wathatha intshengeca yelitye lenyengane, wolusa unyana wakhe, waza ngokunjalo wachukumisa iinyawo zikaMosis, esithi: “Ngenene kum ungumyeni wegazi.” Wayesitsho exela ulwaluko. Ngoko ke uNdikhoyo wamyeka uMosis.

27 Wathi ke uNdikhoyo kuAron: “Yiya entlango, uhlangabeze uMosis.” Wanduluka ke uAron, baza bahlangana entabeni kaThixo, wamanga.

28 UMosis ke wabalisela uAron onke amazwi awawathethayo kuye uNdikhoyo, ngokunjalo nemiqondiso awamnika yona.

29 Bahamba bobabini ke, bafika bawaqokelela amadoda amakhulu akwaSirayeli.

30 Ke uAron wawaphalaza kuwo onke amazwi awayethethwe nguNdikhoyo kuMosis, ngokunjalo nemiqondiso leyo wayeyinikiwe wayenza phambi kwabo.

31 Bathi ke abantu, bakuba bevile, bebonile nokubona, baneliseka, baqonda ukuba uthe kanti uNdikhoyo usivile isimbonono samaSirayeli, wayiqonda nembandezelo akuyo. Ngoko ke besuka bee guqaqa banqula.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40