Eyemfuduko 33 XHO96

Ukunduluka eSinayi

1 *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Hamba apha, wena nabo bonke abantu owabakhokelayo waphuma nabo eJiputa, usingise kwilizwe endabathembisa lona ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi: ‘Loba lelezizukulwana zenu.’

2 Ndiya kuthumela isithunywa sinikhaphe, siwagxothe amaKanana, ama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.

3 Hambani niye kwelo lizwe lendyebo nentlutha. Kambe ke mna andizukuhamba nani, hleze ndisuke ndinitshabalalise ningekafiki, kuba niluhlanga oluneenkani.”

4 Athe ke amaSirayeli akuziva ezi ndaba zibuhlungu, asuka azila, azikhulula iintsimbi awayehomba ngazo.

5 Kaloku uNdikhoyo wayethe kuMosis: “Xelela amaSirayeli: ‘Niluhlanga oluneenkani, ngoko ke andizukuhamba nani, kuba xa bendinokuhamba nani nomzuzwana lo, bendiya kusuka ndinitshabalalise. Zikhululeni iintsimbi zesihombiso; ndisaza kuyibona into endiza kunenza yona.’ ”

6 Ngoko ke amaSirayeli azikhulula iintsimbi nezinye izihombiso zawo ukunduluka kwawo kwintaba iHorebhe.

Intente yokuhlangana

7 Ke kaloku kolu hambo lwawo amaSirayeli ayesithi apho emise khona, uMosis agxumeke iintente, emise enye intente mganyana nje nendawo leyo bahlala kuyo. Le ke yayiyintente yokuhlangana; nabani na owayefuna ukuva *kuNdikhoyo wayesiya kuyo.

8 Wayesithi uMosis xa esiya ententeni yokuhlangana amaSirayeli wona eme emnyango ezintenteni zawo, ambukele ade aye kungena.

9 Wayesithi nje ukuba angene uMosis, umqulu welifu uhle ufike uhlale emnyango ententeni apho, aze ke yena uNdikhoyo athethe noMosis.

10 AmaSirayeli ayesithi akuwubona umqulu welifu usemnyango apho ententeni yokuhlangana, asuke ee guqaqa anqule.

11 Ke yena uNdikhoyo wayeye athethe noMosis ubuso ngobuso, njengaye nabani na othetha nomhlobo wakhe. UMosis ke wayesithi akugqiba agoduke, kodwa yena uYoshuwa umfana olihlakani lakhe, unyana kaNune, wayesala apho ententeni yokuhlangana.

Isithembiso sikaNdikhoyo

12 UMosis wathetha *noNdikhoyo, wathi: “Kaloku undiyalele ukuba ndikhokele aba bantu, ndibase kwelo lizwe, kodwa akutshongo ukuba kolu hambo ndokhatshwa ngubani na. Ewe, utshilo nokuthi: ‘Ndikwazi ngokupheleleyo; kwaye futhi ndikholisekile nguwe.’

13 Ngoko ke, xa kunjalo, ndazise intando yakho, ukuze ndikwazi, ndihlale ndikholisekile kuwe. Kwakhona khumbula ukuba olu hlanga ngabantu bakho ncakasana.”

14 UNdikhoyo waphendula wathi: “Hayi kaloku, ndiza kuhamba nani ngenkqu, ndinithi jize ngokuphumla.”

15 Ke yena uMosis waleka ngelithi: “Ukuba akuhambi nathi, sukuba sasindulula simke apha.

16 Xa ungahambi nathi kuya kwaziwa njani ukuba ukholisekile ndim naba bantu? Kanti ke xa ukho phakathi kwethu, siya kutsho sahluke kulo lonke uluntu.”

17 UNdikhoyo wathi: “Ndiza kwenza kanye ngokwesicelo sakho, kuba kaloku ndikholisekile nguwe, futhi ke ndikwazi kakuhle.”

18 UMosis waphinda wenza isicelo, wathi kuNdikhoyo: “Ke ngoku khawundivelele ngobuqaqawuli bakho.”

19 UNdikhoyo wathi: “Ndiza kukubonisa isidima sam njengoko sinjalo, futhi ndilikhankanye igama lam ezindlebeni zakho, mna Ndikhoyo. Kaloku ndiya kuba nenceba kwabo ndinenceba kubo, ndibe novelwano kwabo ndinovelwano kubo.

20 Andizukukubonisa ubuso bam; kaloku akukho mntu unokububona aphinde aphile.

21 Kambe ke nantsi indawo ecaleni kwam apho ungema khona phezu kweliwa.

22 Ndiya kuthi ke xa ndidlula khona ngobuqaqawuli bam, ndikufihle emfanteni yeliwa, ndize ndikugqume ngesandla ndide ndidlule.

23 Ndakuba ndidlule ke, ndiya kusisusa isandla, ukuze ube nokundibona ndifulathele, hayi ebusweni.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40