18 Ukumkani ke wababiza ababelekisi abo, wababuza wathi: “Ngani ukuba nibayeke abantwana bamaHebhere abangamakhwenkwe ningababulali?”
19 Ababelekisi baphendula bathi: “AmaHebherekazi akafani namaJiputakazi; wona akufikelwa yinimba abeleka lula, singekafiki nokufika thina.”
20-21 Ngenxa yokuba ababelekisi bemoyika uThixo, uThixo wabavuza ngeentsapho. Ke wona amaSirayeli aya esanda ngokwanda, aba luqilima.
22 Ekugqibeleni ke ukumkani wayalela bonke abantu bakhe wathi zonke iintsana ezingamakhwenkwe zamaHebhere maziphoswe emlanjeni iNayile, ke zona ezingamantombazana ziyekwe.