23 Obo bumnyama ke batsho amaJiputa akabi nako nokubonana oku, engenako nokuphuma endlwini ezo ntsuku zontathu. Kanti ke kwisiphaluka samaSirayeli kwakukhanya.
24 Waza ke ukumkani wabiza uMosis, wathi kuye: “Ngoku ningahamba niye kukhonza uNdikhoyo kunye nabafazi nabantwana benu, nishiye imfuyo yenu kuphela.”
25 UMosis waphendula wathi: “Kofuneka ke usinike izinto esobingelela ngazo, ngokunjalo nezokwenzela uNdikhoyo uThixo wethu amadini atshiswayo.
26 Hayi bo! Asinakuyishiya imfuyo yethu; asinakushiya nob' ibe nye! Kaloku kufuneka sizikhethele ngokwethu leyo siza kuyisebenzisa xa sinqula uNdikhoyo uThixo wethu, ibe ke asinakuyazi esiza kubingelela ngayo side sifike apho siya khona.”
27 Kambe ke uNdikhoyo wamqaqadekisa ukumkani, akavuma ukubakhulula.
28 Ukumkani wamgxotha uMosis, wathi: “Phuma! Zichithe! Mandingaze ndiphinde ndikubone! Mhla ndakubona ndokucim' igama!”
29 UMosis waphendula wathi: “Uthethe kakuhle! Soze uphinde undibone!”