1 *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Uyabona ke, ukumkani lo ndawonye nabantu bakhe ndiya kumzisela isibetho sokugqibela. Emva kweso ke uya kunikhulula nihambe. Enyanisweni uya kunigxotha niphume niphele.
2 Ngoku ke yitsho ibe ngulowo nalowo kumaSirayeli acele isiliva negolide kummelwane wakhe.”
3 UNdikhoyo ke wawenza axatyiswa amaSirayeli ngamaJiputa. Ngenene uMosis wayehlonitshwe gqitha ngamaphakathi kakumkani ndawonye nawo onke amaJiputa.
4 UMosis waxelela ukumkani wathi: “UNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuphuma ezinzulwini zobusuku, ndilijikeleze lonke elaseJiputa.
5 Ndiya kuwathi qwaka afe onke amazibulo, kuqalela kwelokumkani ongqendeve ebhotwe, kuye kwelekhoboka elisebenzayo, kuye kuthi xhaxhe kwizibulo lemfuyo.
6 ElaseJiputa liya kuhlahlamba ngesijwilikazi esingazange seviwa ngaphambili, esingayi kuze siviwe nanini na.