3 UNdikhoyo ke wawenza axatyiswa amaSirayeli ngamaJiputa. Ngenene uMosis wayehlonitshwe gqitha ngamaphakathi kakumkani ndawonye nawo onke amaJiputa.
4 UMosis waxelela ukumkani wathi: “UNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuphuma ezinzulwini zobusuku, ndilijikeleze lonke elaseJiputa.
5 Ndiya kuwathi qwaka afe onke amazibulo, kuqalela kwelokumkani ongqendeve ebhotwe, kuye kwelekhoboka elisebenzayo, kuye kuthi xhaxhe kwizibulo lemfuyo.
6 ElaseJiputa liya kuhlahlamba ngesijwilikazi esingazange seviwa ngaphambili, esingayi kuze siviwe nanini na.
7 Kanti ke wona amaSirayeli nemfuyo yawo sobe abe nawo nowempumlo umkrwelo.’ Ngaloo ndlela ke niya kutsho niqonde ukuba uNdikhoyo uyahlula phakathi kwamaJiputa namaSirayeli.”
8 UMosis waqukumbela ngelithi: “Ke wona la maphakathi akho aya kuza kum akhahlele endibongoza esithi: ‘Thatha abantu bakho, niphume niphele kweli.’ Kwakuba njalo ke ndiya kunduluka.” Akukhov' ukutsho ke, uMosis waphuma efuthekile.
9 Ke kaloku uNdikhoyo wayethethe noMosis wenjenje: “Ukumkani waseJiputa akayi kukuphulaphula, khon' ukuze ndiyandise imimangaliso yam phakathi kwamaJiputa.”