1 *UNdikhoyo wabayalela ooMosis noAron kwelaseJiputa, wathi:
2 “Le iya kuba yinyanga yenu yokuqala enyakeni.
3 Thetha namaSirayeli, uthi ngomhla weshumi kule nyanga umzi ngamnye mawuzifunele ixhwane.
4 Kambe ke ukuba umzi lowo unabantu abambalwa, awunako ukulitya uligqibe ixhwane, mawudibane nommelwane, yomibini ihlanganyele ixhwane elinye ngokobubanzi beentsapho zayo. Ngoko ke umzi ngamnye uya kulinganiselwa ixhwane kwangaphambili.