1 *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi:
2 “Ndiphawulele onke amazibulo azalwayo kwaSirayeli abe ngawam, nditsho awabantu nawemfuyo.”
3 UMosis wathetha nabantu wathi: “Ze ningaze niwulibale lo mhla wokukhululeka kwenu ebukhobokeni kwelaseJiputa. Kaloku nikhululwe bubungangamsha *bukaNdikhoyo. Ngawo makungatyiwa sonka sinyusiweyo.
4 Lo mhla wale nyanga inguAbhibhi yimini yokunduluka kwenu.
5 UNdikhoyo wabathembisa ookhokho benu ukuba uya kubanika ilizwe lamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaHivi, namaJebhusi. Nakufika kwelo lizwe lihle liyinzwakazi, livuza ubisi nobusi, ze nenze isikhumbuzo ngawo wona lo mhla wale nyanga minyaka le.