17 Wathi ukumkani waseJiputa akuwakhulula amaSirayeli, uThixo akawakhokela ngendlela ecanda kwelamaFilistiya, nakuba yayiyeyona imfutshane. Kaloku uThixo wathi: “AmaSirayeli akuzibona egaxeleka emfazweni, angafuna ukubuyela eJiputa.”
18 Ngoko ke uThixo wawakhokela ngendlela yasentlango esinga kuLwandle oluBomvu. AmaSirayeli ke aphuma eJiputa exhobele imfazwe.
19 Ke kaloku uMosis wawathatha wahamba nawo amathambo kaJosefu, kuba uJosefu wayethe kumaSirayeli: “Ngenye imini uThixo uya kuze anivelele, anikhuphe nimke apha; ngoko ke fungani ukuba niya kuhamba nawo amathambo am.”
20 AmaSirayeli ke anduluka eSukoti, aya kuphumla e-Etam enyeleni yentlango.
21 Apho ke eluhambeni *uNdikhoyo wayewakhokela ngomqulu welifu emini, aze ebusuku awakhokele ngesithatha somlilo.
22 Lo mqulu welifu ke wawuhlala uhamba phambi kwawo emini, nesithatha somlilo sisenjenjalo ebusuku.