19 Ke kaloku uMosis wawathatha wahamba nawo amathambo kaJosefu, kuba uJosefu wayethe kumaSirayeli: “Ngenye imini uThixo uya kuze anivelele, anikhuphe nimke apha; ngoko ke fungani ukuba niya kuhamba nawo amathambo am.”
20 AmaSirayeli ke anduluka eSukoti, aya kuphumla e-Etam enyeleni yentlango.
21 Apho ke eluhambeni *uNdikhoyo wayewakhokela ngomqulu welifu emini, aze ebusuku awakhokele ngesithatha somlilo.
22 Lo mqulu welifu ke wawuhlala uhamba phambi kwawo emini, nesithatha somlilo sisenjenjalo ebusuku.