5 UNdikhoyo wabathembisa ookhokho benu ukuba uya kubanika ilizwe lamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaHivi, namaJebhusi. Nakufika kwelo lizwe lihle liyinzwakazi, livuza ubisi nobusi, ze nenze isikhumbuzo ngawo wona lo mhla wale nyanga minyaka le.
6 Niya kutya isonka esinganyuswanga iintsuku zibe sixhenxe. Ngolu lwesixhenxe ke niya kwenza itheko lokuwonga uNdikhoyo.
7 Niya kutya isonka esinganyuswanga iintsuku zibe sixhenxe; into evutyelweyo okanye igwele lingakhe lifumaneke kummandla wenu.
8 Xa nisenza eli theko ke, ze nibaxelele abantwana benu, nithi: ‘Ngalo mhla siwonga uNdikhoyo ngokusikhupha kwakhe eJiputa.’
9 Lo mbhiyozo ke uya kufana nomqondiso osesandleni okanye ebunzi, ukuze ningalibali ukubalisa ngommiselo kaNdikhoyo. Kaloku kwaba ngesandla sakhe ukuphuma kwenu eJiputa.
10 Ngoko ke eli siko lenzeni ngexesha lalo minyaka le.”
11 “Ke kaloku xa *uNdikhoyo ede wakufikisa kwelaseKanana njengoko wakuthembisayo wena nooyihlo,