5 Ukumkani ndawonye namaphakathi akhe bathi, bakuva ukuba ngenene amaSirayeli emkile, bajibilika. Ewe, suka bazisola, bathi: “Besingenwe yini kakade, ukuze senze into enje? Bekutheni ukuze siwayeke amakhoboka ethu emke?”
6 Ngoko ke ukumkani waxhoba, wabopha iinqwelo zakhe zokulwa, waphuma nomkhosi wakhe.
7 Wakhupha nezona nqwelo zithembekileyo zimakhulu omathandathu, zibhexeshwa ziingqwayi-ngqwayi ezaziwayo. Akashiyanga nanye kwiinqwelo zaseJiputa.
8 UNdikhoyo wamenza waneenkani ukumkani waseJiputa, wawasukela amaSirayeli; aye wona phofu ehamba ngesibindi.
9 Yaphuma imikhosi yamaJiputa, yasukela ngeenqwelo zamahashe. Yayiziinqwelo nabeenyawo. Yabafumana bephumle ngakuLwandle oluBomvu, kufutshane nePi-hahiroti neBhali-zefon.
10 AmaSirayeli athi akubona umkhosi wokumkani waseJiputa ugaleleka, ankwantya, abhenela kuNdikhoyo.
11 Abhekisa kuMosis athi: “Kungokuba kungekho mangcwaba na eJiputa, le nto usizisa entlango, ukuze sifele khona? Uyayibona ke into oyenzileyo ngokusikhupha eJiputa? Asiyiyo le nto sasiyithetha kuwe phambi kokuba sinduluke?