1 Kwesi sithuba ke uMosis namaSirayeli bahlabela le ngoma, bedumisa *uNdikhoyo:“Ndosuka ndintyiloze ndiculele uNdikhoyo;kaloku yena woyise wada watshatshela.Ihashe ngokunjalo nophezu kwaloulintywilisele phakath' elwandle.
2 UNdikhoyo yinqaba negwijo lam;ndinje-nje-nje ndisindiswe nguye.Nanko ke uThixo wam, ndiyamdumisa;nguThixo woobawo, ndotshila ngaye.
3 “*UMhlekazi yena ulijoni;igama lakhe *nguNdikhoyo.
4 Umkhosi wamaJiputa neenqwelo zawowasuka waziphos' elwandle;iingqwayi-ngqwayi zomkhosi ezinamagamauzigubungele ngoLwandl' oluBomvu.
5 Ngoku zambathiswe yinzonzobila;suka zazika ngathi lilitye.
6 “Hayi kamb' isandla sakho, Ndikhoyo,yingwanyalal' etshatsheleyo!Ewe, isandla sakho, wena Ndikhoyo,siyaluvikiva utshaba lwakho.