8 Ngokuphefumla kwakho nje qhasuka ulwandle lwaba ziingqimba,amanzi asuka aba ludonga,inzonzobila yolwandle yakhenkceza.
9 Utshaba lwathi:‘Mandisukele ndibabambe.Ndiya kuxhaphaz' amaxhoba, ndizanelise.Ndiya kuxhoba ndif' amacala,nditshayele nditshabalalise ngekrele.’
10 Suka ke uNdikhoyo wafutha,kwaba kanye antywiliseleka amaJiputa.Ewe, azika nywam emanzini,kwanga kukweyela kwesinyithi.
11 “Kodw' angavela ph' onjengawe, Ndikhoyo,obalasele kangaka ngobunyulu,omiqondiso ikhamnqisa kangaka,ozenzo zimangalisa ngokuncamisayo?
12 Wathi wakusolula esakho isandla,umhlaba wazithi bimbilili iintshaba zethu.
13 Thembekil' othando lungatshitshiyo,uyabakhokel' abant' obahlawuleleyo;ngobungangamsha bakho ubathundezile,bagaleleka kwikhaya lakho elingcwele.
14 Izizwe zithe zingeva zaphithizela liphaphu,atshw' amaFilistiy' arhwaqela luvalo.