2 Kanye ke apho kuloo ntlango amaSirayeli abakhalazela ooMosis noAron,
3 athi kubo: “Akwaba *uNdikhoyo wayesibulalele eJiputa. Kaloku noko khona sasisitya inyama; kanti ke nokunye ukutya sasikutya side sikushiye. Kuba kucacile nisizise kule ntlango ukuze eli bandla xa lilonke nilichane ngendlala life.”
4 UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Uyabona ke ndiza kuthoba ukutya kune njengemvula, ukuze nonke nitye. AmaSirayeli makaphume aye kuzicholela ukutya okulingene imini mihla le. Ndizimisele ukukhe ndiwavavanye ndiwaqonde ukuba azimisele na ukuwuthobela umyalelo wam.
5 Kodwa ke ngomhla wesithandathu makaqokelele azilungiselele ukutya kwemihla emibini.”
6 Ngoko ke uMosis noAron bathetha nawo amaSirayeli, bathi: “Ngokuhlwanje niza kuqonda ukuba nguNdikhoyo owanikhupha eJiputa,
7 kuba ngomso kusasa niya kukubona ukuqaqamba kobukho bukaNdikhoyo. Kaloku yena uzivile izikhalazo zenu; gxebe besingoobani ukuba ningade nisikhalazele thina?”
8 UMosis waqhuba wathi: “UNdikhoyo uza kunipha inyama, nitye ngokuhlwa, kanti nakusasa uza kunipha isonka, nitye nihluthe, kuba uzivile izikrokro zenu enimkhalazela ngazo. Kakade ke besingoobani thina? Hayi bo! Anikrokreli thina, nikrokrela uNdikhoyo!”