1 Ekuphumeni kwintlango iSin onke amaSirayeli ahamba amabanga ngamabanga ngokuyalelwa *nguNdikhoyo, ada aya kufika eRefidim, akhe aphumla khona. Kule ndawo ke ayengekho amanzi.
2 AmaSirayeli asuka ke alwa noMosis, athi: “Sinxaniwe; siphe amanzi!”UMosis wathi kuwo: “Kutheni nisilwa nam nje? Nimlingelani uNdikhoyo?”
3 Kambe ke amaSirayeli akayekanga ukumkhalazela uMosis, kuba ayenxaniwe. Athi: “Kodwa kodwa, ungathini ukusikhupha eJiputa, ukuze uze kusichana ngonxano, thina nentsapho nemfuyo yethu?”
4 UMosis wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Kodwa ndiza kubathini aba bantu? Bangasuka bandixulube ngamatye.”