13 Ewe, umntu onjalo makagityiselwe ngamatye, okanye achanwe ngotolo, afe engachukunyiswanga ngasandla. Nesilwanyana esisondeleyo ke masibulawe kwangaloo ndlela. Kuya kuthi ke wakuvakala umntyangampo wokukhala kwexilongo, abantu benyuke beze entabeni.”