16 Ngentsasa yomhla wesithathu ke zavakala izabhokhwe zeendudumo, yabe yona ke imibane itshawuza, kwaza kwabonakala nelifu elingqingqwa apho entabeni. Asisathethi ke ngomtyangampo wexilongo owabetha kwathi nkxwee, kangangokuba abantu bagubha luloyiko esikhululweni.