1-2 Kanye ukuphela kwenyanga yesithathu amaSirayeli aphumayo eJiputa, amaSirayeli anduluka eRefidim, aya kugaleleka kwintlango yeSinayi, emisa phantsi kwentaba iSinayi.
3 Ke yena uMosis wenyuka intaba, waya kuThixo. *UNdikhoyo wambiza wathi: “Thetha namaSirayeli, inzala kaYakobi, uthi:
4 ‘Niyibonile imimangaliso endiyenzileyo mna Ndikhoyo kumaJiputa, nokuba nani ndanisondeza ndanithwala ngokokhozi luthwele amathole alo.
5 Ngoku ke, ukuba niyandithobela, nenze ngokomnqophiso wam, niya kuba ngabantu bam ncakasana. Kaloku lelam ihlabathi liphela,
6 kambe ke nina niya kuba ngababingeleli basebhotwe, nibe luhlanga olulodwa.’ Ngawo la ke amazwi omawuwabhekise kumaSirayeli.”
7 UMosis wehla ke entabeni, wawadibanisa amadoda amakhulu, wawaneka umyalelo kaNdikhoyo phambi kwawo.
8 Aphendula ke amaSirayeli xa ewonke athi: “Zonke izinto azithethayo uNdikhoyo siya kuzenza.” UMosis wawugqithisa ke umlomo wamaSirayeli kuNdikhoyo.