4 ‘Niyibonile imimangaliso endiyenzileyo mna Ndikhoyo kumaJiputa, nokuba nani ndanisondeza ndanithwala ngokokhozi luthwele amathole alo.
5 Ngoku ke, ukuba niyandithobela, nenze ngokomnqophiso wam, niya kuba ngabantu bam ncakasana. Kaloku lelam ihlabathi liphela,
6 kambe ke nina niya kuba ngababingeleli basebhotwe, nibe luhlanga olulodwa.’ Ngawo la ke amazwi omawuwabhekise kumaSirayeli.”
7 UMosis wehla ke entabeni, wawadibanisa amadoda amakhulu, wawaneka umyalelo kaNdikhoyo phambi kwawo.
8 Aphendula ke amaSirayeli xa ewonke athi: “Zonke izinto azithethayo uNdikhoyo siya kuzenza.” UMosis wawugqithisa ke umlomo wamaSirayeli kuNdikhoyo.
9 UNdikhoyo wathi kuMosis: “Ndiza kuza kuwe ndikwilifu elingqingqwa, ukuze ndithethe nawe amaSirayeli ekho, khon' ukuze angaze akuthandabuze.” UMosis waxelela uNdikhoyo akuthethileyo amaSirayeli.
10 UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Yitsho bonke abantu bazenze nyulu, bacoceke ngokupheleleyo namhlanje nangomso, balungiselele ukunqula. Impahla yabo mabayihlambe