1 Ke kaloku indoda ethile yendlu kaLevi yathatha umfazi ezintombini zamawayo,
2 waza wanzima wayizalela unyana. Umfazi lowo ke wathi akubona indlela olwaluthandeka ngayo olo sana, walufihla lwada lwaneenyanga ezintathu.
3 Uthe akuba engasenako ukulufihla, walwenzela ibhaskiti ngemizi, waza wayityabeka ngetha, walufaka kuyo usana olo, waya kulubeka phakathi kweengcongolo elunxwemeni lomlambo.
4 Ke yena udade walo wayemi mganyana elugcinile.
5 Yesuka ke intombi kakumkani yeza kuhlamba apho emlanjeni. Ngeli thuba ke zona iintombi ezaziziimpelesi zenkosazana leyo zazizula-zula apho elunxwemeni lomlambo. Ithe ke, isahlamba njalo, yabona ibhaskiti eyayiphakathi kweengcongolo. Kwangoko yathuma enye yezo ntombi ukuba iye kuyithatha ize nayo.
6 Ifikile ke nayo ibhaskiti leyo, inkosazana yayivula. Tyhini! Kuthe kanti lusana! Ngeli xesha ke usana lona lwalulila. Ithe ke yakuba ilondele usana olo inkosazana leyo, kwatsho kwasika kuyo, yathi: “Olu sana luya kuba ngomnye wabantwana bamaHebhere.”