12 “Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.
13 “Musa ukuba sisibulala-mntu.
14 “Musa ukukrexeza.
15 “Musa ukûba.
16 “Musa ukungqina ubuxoki ngomnye umntu.
17 “Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.”
18 Athi ke amaSirayeli akuziva iindudumo, nokuhlokoma kwexilongo, akubona nemibane itshawuza, nentaba ilitsili ngumsi, suka angcangcazela kukoyika, angcachela phaya.