24 iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo,
25 umlilo ngomlilo, uduma ngoduma, umvumbo ngomvumbo.
26 “Xa umntu elibethe walityhaphaza ikhoboka lakhe, liyindoda okanye libhinqile, makalikhulule ukuhlawula elo liso.
27 Kanti ke nokuba ulibethe kwapoq' izinyo wolikhulula ukuhlawula elo zinyo.”
28 “Xa inkunzi yenkomo yomntu othile ithe yahlaba umntu wafa, mayixulutywe ngamatye ide ife, inyama yayo ingàtyiwa. Ke yena umnini wayo akanatyala.
29 Kambe ke ukuba inkomo leyo ibiqhelile ukuhlaba abantu, abe nomniniyo eyaliwe, kodwa akayigcina, yaza yahlaba umntu yambulala, mayixulutywe ngamatye ife, ngokunjalo nomniniyo abulawe.
30 Phofu ke ukuba kubonakala ukuba umniniyo lowo makamiselwe umdliwo ukusindisa ubomi bakhe, kofuneka akhuphe loo nto ibizwayo njengoko injalo.