27 Kanti ke nokuba ulibethe kwapoq' izinyo wolikhulula ukuhlawula elo zinyo.”
28 “Xa inkunzi yenkomo yomntu othile ithe yahlaba umntu wafa, mayixulutywe ngamatye ide ife, inyama yayo ingàtyiwa. Ke yena umnini wayo akanatyala.
29 Kambe ke ukuba inkomo leyo ibiqhelile ukuhlaba abantu, abe nomniniyo eyaliwe, kodwa akayigcina, yaza yahlaba umntu yambulala, mayixulutywe ngamatye ife, ngokunjalo nomniniyo abulawe.
30 Phofu ke ukuba kubonakala ukuba umniniyo lowo makamiselwe umdliwo ukusindisa ubomi bakhe, kofuneka akhuphe loo nto ibizwayo njengoko injalo.
31 Nokuba inkomo leyo ihlabe yabulala inkwenkwe okanye intombazana, logwetywa kwangaloo ndlela elo tyala.
32 Xa ke inkomo leyo ihlabe yabulala ikhoboka eliyindoda okanye elibhinqileyo, umniniyo wokhupha intlawulo yeesiliva ezingamashumi amathathu, ke yona inkomo leyo ixulutywe.
33 “Ukuba umntu ushiye umngxuma uvulekile, okanye umbe umngxuma akawugquma, kwaza kweyela inkomo noba yidonki kuwo, ummbi-mngxuma lowo