13 Kambe ke ukuba kufumanisekile ukuba iqwengwe ngamarhamncwa, lo iqwengwe ikuye makezise ixhwayela, ibe bubungqina; xa kunjalo ke akayi kuyivusa.
14 “Ukuba ababini babolekene ngemfuyo, yaza ke yenzakala okanye yafa engekho umniniyo, lo ubebolekiwe makayivuse.
15 Kanti ke ukuba ebekho umniniyo, umbolekwa lowo akanakude ayihlawule. Phofu ke ukuba ibiqeshiwe kohlawulwa imali yengqesho yodwa.”
16 “Xa umntu one intombi nto engekabonwa lisoka, makayilobole batshate.
17 Ukanti ke xa uyise wayo engavumi ukuyendisela kuye, makakhuphe intlawulo elingana nekhazi lentombi.
18 “Ke lona igqwirha malibulawe.
19 “Umntu olala nesilwanyana makabulawe.