28 “UThixo ungaze umnyelise; ngokunjalo ungayithuki nenkokheli yesizwe sakho.
29 “Ungathandabuzi ukuthatha kwisivuno nakwiwayini yakho, wenze ngazo umnikelo kum.“Unyana wakho wamazibulo nikela ngaye kum.
30 Namazibulo enkomo okanye igusha makabe ngumnikelo kum. Makahlale nonina iintsuku zibe sixhenxe qha, aze ngolwesibhozo anikelwe kum.
31 “Ningabantu bam ncakasana; ke ngoko sanukuyitya inyama yemfuyo eqwengwe ngamarhamncwa asendle – ndaweni yaloo nto yinikeni izinja.”