17 Minyaka le ngexesha lala matheko mathathu amadoda makeze kundinqula mna *Ndikhoyo iNkosi yenu.
18 “Xa niphalaza igazi, nisenza idini, ze ninganikeli ngaxa-nye ngesonka sentlama enegwele. Ngala mathuba ke amanqatha edini elo makangabekwa mbeko.
19 “Minyaka le zisa ulibo lwesivuno sakho endlwini kaNdikhoyo uThixo wakho.“Uze ungaze ulipheke itakane lebhokhwe ngobisi lukanina.”
20 “Uyabona ke, ndiya kukuthumela isithunywa sam, sikulondoloze endleleni yakho, sikuse kuloo ndawo ndikulungiselele yona.
21 Uze usithobele, ungasivukeli, kuba simele mna; ibe ke asiyi kuba nalusini kulowo usivukelayo.
22 Kambe ke ukuba uyayiphulaphula ngenyameko into ethethwa siso, wenze ngokomyalelo wam, iintshaba zakho ziya kuba zezam, ndibachase abakuchasayo.
23 Isithunywa sam siya kukukhokela, sikuse kwilizwe lama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaKanana, amaHivi, namaJebhusi, ndize mna ndiwatshabalalise.