23 Isithunywa sam siya kukukhokela, sikuse kwilizwe lama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaKanana, amaHivi, namaJebhusi, ndize mna ndiwatshabalalise.
24 Ungakhe ulinge uguqe unqule *izithixo zawo; ungazingeni neendlela zawo zonqulo. Ndaweni yaloo nto uzuzikhiqe izithixo zawo; uyiqhekeze uyiqethule imifanekiso yazo yamatye.
25 Ukuba ke uthe wanqula mna *Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.
26 Kwelo lizwe lenu akukho mfazi uya kuphuma sisu, kungayi kubakho mfazi ungaphathiyo. Ewe, ndiya kunenza niphile nide nikhokhobe.
27 “Ndiya kubenza barhwaqele bonke abantu abakuchasayo, ndizenze zidideke zonke izizwe olwa nazo. Ewe, ndiya kuba ngakuwe, utsho uziswantsulise zonke iintshaba zakho.
28 Ndozithumela ngoonomeva iintshaba zakho, atsho asabe ungekafiki amaHivi, amaKanana, namaHiti.
29 Andiyi kuwagxotha ngonyaka omnye, khon' ukuze kungabi senkangala kwelo lizwe, uthi wena ufika abe amarhamncwa selegunyile.