1 Ke kaloku *uNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Nyuka, wena noAron, uNadabhi noAbhihu, kunye namashumi asixhenxe amadoda amakhulu akwaSirayeli. Nothi ke nisemgama nikhahlele.
2 Yoba nguwe Mosis wedwa ke oya kuza kufika kum; abanye ke abo basale; ke wona umndilili awuyi kunyuka nokunyuka entabeni.”
3 UMosis ke wawugqithisela ebantwini loo mlomo kaNdikhoyo, ngokunjalo nemiyalelo. Ke amaSirayeli atsho ngazwi-nye athi: “Konke akuthethileyo uNdikhoyo siya kukwenza.”
4 UMosis wayibhala yonke imiyalelo kaNdikhoyo. Kusasa ngengomso wakha iqonga lamadini emazantsi entaba, waza wamisa ishumi elinambini leentsika zamatye ngokwezindlu ezilishumi elinambini zikaSirayeli.
5 Kamva ke wathuma abafana, baya kwenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo, babingelela ngeenkomo, benza amadini obudlelwana.
6 UMosis wathatha isiqingatha segazi elo, waligalela ezityeni, waza isiqingatha wasifefa eqongeni lamadini.