11 Kambe ke uThixo zange awase sandla la matshawe akwaSirayeli; bambona baza batya basela.
12 *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis, wathi: “Nyuka uze kum apha entabeni, uhlale; ndiza kukunika amacwecwe amatye endiyibhale kuwo imithetho nemiyalelo omawuyifundise amaSirayeli.”
13 UMosis wanduluka ke nehlakani lakhe uYoshuwa; ke yena uMosis wenyuka intaba kaThixo.
14 Wathi kumadoda amakhulu: “Lindani kule ndawo side sibuye. Nâba uAron noYuri; wonke umntu onomcimbi makawandlale phambi kwabo bawuphicothe.”
15 Ngenene ke uMosis wenyuka intaba, laza lona ilifu layambathisa intaba leyo.
16-17 Baza ke ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bahlala phezu kwentaba iSinayi. KumaSirayeli kwakungathi ngumlilo ovuthayo apho phezu kwentaba. Ilifu elo layifukama intaba leyo iintsuku zantandathu, waza ngolwesixhenxe uNdikhoyo wabiza uMosis esefini apho.
18 Ke kaloku uMosis wenyuka intaba, waya kungena apho efini. Wahlala apho iintsuku ezimashumi mane.