7 Ngoku ke wathatha umqulu ekubhalwe kuwo imiqathango yomnqophiso kaNdikhoyo, wafundela amaSirayeli. Ke wona aphendula athi: “Siya kumthobela uNdikhoyo, sikwenze konke asiyalele kona.”
8 Ke kaloku uMosis wathatha elaa gazi lalisesityeni, wafefa ngalo abantu, esithi: “Eli gazi litywina umnqophiso awenze nani uNdikhoyo mhla waninika le miyalelo.”
9 UMosis, uAron, uNadabhi, noAbhihu, kunye namashumi asixhenxe amadoda amakhulu, benyuka intaba,
10 baza bambona uThixo kaSirayeli. Iinyawo zakhe zaziphezu komgangatho welitye elibuglasirha eliluhlaza okwesibhakabhaka.
11 Kambe ke uThixo zange awase sandla la matshawe akwaSirayeli; bambona baza batya basela.
12 *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis, wathi: “Nyuka uze kum apha entabeni, uhlale; ndiza kukunika amacwecwe amatye endiyibhale kuwo imithetho nemiyalelo omawuyifundise amaSirayeli.”
13 UMosis wanduluka ke nehlakani lakhe uYoshuwa; ke yena uMosis wenyuka intaba kaThixo.