1 “Thatha imiqulu yelaphu elisontwe ngobona buchule ibe lishumi, wenze ngayo umkhusane *wesibingelelo. La malaphu makabe yile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu. Makahonjiswe ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko yenziwe ngobugcisa nobunono.
2 Yonke imikhusane mayilingane, ibe ziimitha ezilishumi elinambini ubude, zibe mbini ububanzi.
3 La malaphu wadibanise abe mahlanu ngamahlanu.
4 Thatha ilaphu elizuba, wenze amarhintyelo phaya emphethweni ngapha nangapha.
5 Loo marhintyelo ke makabe ngamashumi amahlanu kweli cala; kanti ke nakweliya icala makabe kwangako, alungelelane.
6 Kwangokunjalo ke thatha igolide, wenze amahaki angamashumi amahlanu, khon' ukuze la macala mabini adityaniswe, intente yesibingelelo ibe yinto enye.