14 “Kwakhona yaleke ngofele lwenkunzi yegusha olubomvu nangesikhumba esisukiweyo ngaphandle.
15 “Yenza izakhelo zokuxhasa intente leyo ngezibonda zomngampunzi.
16 Isakhelo ngasinye masibe ziimitha ezine ubude neesentimitha ezingamashumi amathandathu anesithandathu ububanzi.
17 Uze uzenze ziphume ngapha nangapha, khon' ukuze zibe nokuhlanganiswa. Ewe, zonke izakhelo mazenziwe ngolu hlobo.
18 Yenza izakhelo zangezantsi zibe ngamashumi amabini.
19 Isakhelo ngasinye masibanjwe ziziseko ezibini zesiliva, zibe ngamashumi amane zizonke.
20 Mayibe zizakhelo ezingamashumi amabini ngasentla,