7 “Isibingelelo eso ke masambathiswe ngentente eyenziwe ngoboya bebhokhwe. Yona ke mayibe yimiqulu elishumi elinanye.
8 Nayo ke mayilingane ibe ziimitha ezilishumi elinantathu, zibe mbini ke ububanzi.
9 Dibanisa imiqulu ibe mihlanu kwelinye icala, uze uphinde uyidibanise nale mithandathu iseleyo; kambe ke lo wesithandathu wona uze uwuphinde ngaphambili.
10 Yenza amarhintyelo angamashumi amahlanu emphethweni weli cala, kanti ke abe kwangako emphethweni weliya icala.
11 Thatha ubhedu, wenze amahaki angamashumi amahlanu, ukuze la macala mabini adityaniswe abe yinto enye.
12 Ke sona esi siqingatha siseleyo masijinge ngasemva phaya.
13 La mashumi mahlanu eesentimitha alabalabayo kobu bude makagqume intente macala.