10 Umkhusane lo mawume ngeentsika zobhedu ezimashumi mabini, ezixhaswe ziziseko zobhedu ezimashumi mabini, zibe namahaki nemiqadi eyenziwe ngesiliva.
11 Uya kwenza kwangolu hlobo ke nakwicala langasentla.
12 Kwicala lasentshona umkhusane mawube lilaphu eliziimitha ezimashumi mabini nambini ubude, ube neentsika ezilishumi ezixhaswe ziziseko ezikwalishumi.
13 Ngasempuma kwicala lesango umkhusane mawube kwaziimitha ezimashumi mabini nambini ububanzi.
14-15 Ngapha nangapha esangweni ilaphu malibe ziimitha ezintandathu neesentimitha ezimashumi mathandathu, ime ngeentsika ezintathu ezixhaswe ziziseko ezithathu.
16 Inkqu yesango ke yona yovalwa ngelaphu eliziimitha ezilithoba ubude, elisontwe ngobuchule. Malibe yile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu; liqhoqhonywe ngobugcisa nobunono. Loxhaswa ziintsika ezine ezimi ngeziseko ezine.
17 Xa zizonke iintsika zenkundla le zodityaniswa ngemiqadi yesiliva, aze namahaki enziwe ngesiliva; ke zona iziseko zibe zezobhedu.