13 Ngasempuma kwicala lesango umkhusane mawube kwaziimitha ezimashumi mabini nambini ububanzi.
14-15 Ngapha nangapha esangweni ilaphu malibe ziimitha ezintandathu neesentimitha ezimashumi mathandathu, ime ngeentsika ezintathu ezixhaswe ziziseko ezithathu.
16 Inkqu yesango ke yona yovalwa ngelaphu eliziimitha ezilithoba ubude, elisontwe ngobuchule. Malibe yile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu; liqhoqhonywe ngobugcisa nobunono. Loxhaswa ziintsika ezine ezimi ngeziseko ezine.
17 Xa zizonke iintsika zenkundla le zodityaniswa ngemiqadi yesiliva, aze namahaki enziwe ngesiliva; ke zona iziseko zibe zezobhedu.
18 Ubude bale nkundla mabube ziimitha ezingamashumi amane anesine, ububanzi zibe ngamashumi amabini anambini, ukuphakama ke kona ibe ziimitha ezimbini neesentimitha ezimashumi mabini. Umkhusane mawenziwe ngelaphu elisontwe ngobuchule, ke zona iziseko zenziwe ngobhedu.
19 Xa zizonke izixhobo zesibingelelo ngokunjalo nezenkundla, nditsho nesikhonkwane sembala, mazenziwe ngobhedu.”
20 “Yitsho amaSirayeli eze neyona icwengileyo ioyile yomnquma, khon' ukuze isibane sihlale sivutha njalo-njalo.