23 Kwiikona zaso zangasentla nxibelela amakhonkco amabini egolide,
24 uze ke uqhinele la matsheyini mabini kuwo.
25 Kambe ke la macala mabini amatsheyini aseleyo orhintyela kwezaa zipeliti zibini, ukuze ngolo hlobo abhijele ngaphambili aye kuqhagamshela kwimixwayo yesidanga.
26 Kwakhona ke yenza amakhonkco amabini ngegolide, uwanxibelele phaya kwezaa kona zaso zingezantsi ngaphakathi phezu kwesidanga.
27 Ngokukwanjalo yenza amanye amakhonkco abe mabini ngegolide, uwanxibelele kumazantsi emixwayo yesidanga ngaphambili, kude kufuphi kodwa ngaphezu kwalaa bhanti ithungwe ngobugcisa nobuchule.
28 Amakhonkco esikhuselo-sifuba wadibanise namakhonkco esidanga ngomtya ozuba, ukuze isikhuselo-sifuba sihlale phezu kwesidanga singabhakuzeli.
29 “Ngoko ke xa uAron engena egumbini elingcwele makanxibe esi sikhuselo-sifuba sinamagama ezindlu zikaSirayeli, ukuze mna *Ndikhoyo ndingaze ndibalibale abantu bam.