9 Thatha amatye ekarneli abe mabini, ukrole kuwo amagama oonyana bakaSirayeli,
10 ngokokuzana kwabo, abe ngamathandathu ngamathandathu.
11-12 La magama oonyana bakaSirayeli ke makabhalwe ligcisa lomkroli. La macwecwe anala magama makaqhotyoshelwe ngesipeliti segolide kule mixwayo isemagxeni esidanga, ukuze ahlale esisikhumbuzo ngoonyana bakaSirayeli. Ngale ndlela ke uAro uya kuhlala ewathwele emagxeni la magama, ukuze abe sisikhumbuzo *kuNdikhoyo.
13 Thatha igolide, wenze izipeliti zokubamba la matye zibe zibini.
14 Mazibe namatsheyini amabini aphothwe ngemingqa yegolide.”
15 “Yenza isikhuselo-sifuba esiya kunceda umbingeleli omkhulu xa efuna ukuqonda intando kaThixo. Masenziwe kwangezaa zinto senziwe ngazo *isidanga, nangobugcisa obukwanjalo.
16 Masibe ngumphindo olinganayo, ubude bube ziisentimitha ezingamashumi amabini nambini, nobubanzi bube kangako.