29 “Xa engasekho uAron, izivatho zakhe zobubingeleli ziya kunikwa oonyana bakhe, banxitywe zona mhla bethanjiswa bemiselwa.
30 Lo nyana ka-Aron ungena esikhundleni sakhe asebenze *esibingelelweni endaweni engcwele, wonxitywa ezi zivatho iintsuku zibe sixhenxe.
31 “Inyama leyo yenkunzi yegusha amiselwa ngayo uAron noonyana bakhe wòyiphekela endaweni enyulu.
32 Baya kuyithatha ke bayitye kunye nesaa sonka besisele ebhaskitini, bayityele apho esangweni lesibingelelo.
33 Ke zona eziya ndawo ziseleyo xa bekusenziwa idini lokungxengxeza ekumiselweni kwabo, baya kuzitya. Kambe ke ngababingeleli bodwa abanelungelo lokukutya oku kutya, kuba kunyulu.
34 Inyama okanye isonka esiseleyo kwada kwakusasa, mazitshiswe, zingàtyiwa; kaloku zinyulu.
35 “Uyabona ke lo msitho wokumisela uAron noonyana bakhe mawube ziintsuku ezisixhenxe njengoko ndakuyalelayo.