37 Uya kwenjenjalo ke iintsuku zibe sixhenxe. Xa kunjalo ke iqonga lamadini liya kuba nyulu ngokugqibeleleyo, aze athi nabani na okanye nantoni na elichukumisayo ibe nyulu nayo.”
38 “Ukusukela ngoku, yonke imihla yenza idini ngamaxhwane amabini phaya kwiqonga lamadini.
39 Thatha elinye kusasa, lize eli liseleyo libe lelasemalanga.
40 Kweli lakusasa nikela nomgubo wengqolowa wodidi oluphambili, ube yikhilogram enye ubunzima, uwudibanise nelitha enye yamafutha omnquma acwengileyo. Yenza idini ngelitha yewayini.
41 Nakweli lasemalanga idini sebenzisa umgubo, amafutha, kunye newayini, kwangalaa ndlela wenze ngayo kusasa. Eli ke lidini elitshiswayo – litsho ngevumba eliyolileyo *kuNdikhoyo.
42 Ukusukela ngoku eli dini litshiswayo mandilenzelwe phaya esangweni *lesibingelelo. Kaloku apho kulapho ndiya kuhlangana khona nabantu bam, ndithethe nawe khona.
43 Ewe, ndiya kuhlangana khona namaSirayeli; baye ubuqaqawuli bam buya kuyitsho loo ndawo ibe yekhethekileyo.