40 Kweli lakusasa nikela nomgubo wengqolowa wodidi oluphambili, ube yikhilogram enye ubunzima, uwudibanise nelitha enye yamafutha omnquma acwengileyo. Yenza idini ngelitha yewayini.
41 Nakweli lasemalanga idini sebenzisa umgubo, amafutha, kunye newayini, kwangalaa ndlela wenze ngayo kusasa. Eli ke lidini elitshiswayo – litsho ngevumba eliyolileyo *kuNdikhoyo.
42 Ukusukela ngoku eli dini litshiswayo mandilenzelwe phaya esangweni *lesibingelelo. Kaloku apho kulapho ndiya kuhlangana khona nabantu bam, ndithethe nawe khona.
43 Ewe, ndiya kuhlangana khona namaSirayeli; baye ubuqaqawuli bam buya kuyitsho loo ndawo ibe yekhethekileyo.
44 Ndiya kusenza nyulu isibingelelo ndawonye neqonga lamadini. Ke yena uAron noonyana bakhe ndiya kubachonga ukuze babe ngababingeleli bam.
45 Ndiya kuhlala phakathi kwamaSirayeli, ndibe nguThixo wawo.
46 Kananjalo ke aya kundiqonda ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wawo owawakhulula eJiputa, ukuze ndihlale phakathi kwawo. Ngenene ndinguNdikhoyo uThixo wawo.”